Amos 9:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuba baya ekutinjweni pambi kwentshaba zabo, ndiya kuyalela isiṙele kwa kona, sobabulala ke; ndandiya kubeka amehlo am pezu kwabo kube kokubi, kungabi kokulungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba bathe bathinjwa phambi kweentshaba zabo, ndoliwisela umthetho nalapho ikrele, libabulale, ndiwamise kubo amehlo am, ukuba kube kubi, kungalungi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba bathe bathinjwa phambi kweentshaba zabo, ndolithumela khona ikrele, libabulale; ndiwaguqulele kubo amehlo am, kube kubi, kungabi kokulungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba bangade basiwe ekuthinjweni ziintshaba, nalapho ndothi mababulawe ngekrele. Ndowatsolisa amehlo am phezu kwabo, kungenganjongo yakubenzela okuhle, kodwa kungenjongo yokubenzela ububi.”