Colossians 1:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
eze kubako kuni, njengokuba iko nakulo lonke ilizwe; eti kanjalo ivelise izixakato, njengokuba isenje njalo napakati kwenu, kuselokwomhla ena yi va ngawo, naza nalwazi ufefe lukatixo ngenyaniso:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenya, niso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo ufikileyo kuni, njengokuba kunjalo kuwo wonke umhlaba; luxakatha isiqhamo, kwanjengoko lwenjenjalo nangaphakathi kuni, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi ubabalo lukaThixo ngenyaniso;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo.