Colossians 1:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yako oku nati, kuselokwomhla sevayo, asipezi ukunitandazela, nokucela ukuba nizaliswe ngokwaziwa kwentando yake kubo bonke ubulumko nokuqonda okubumoya;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko nathi, kususela kwimini esakuvayo oko, asiyeki ukunithandazela, nokukhunga, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninobulumko bonke, nangokuqonda koMoya;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya.