Colossians 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okuye kanjako nibe nalukile ngokwaluka okungenziwanga ngezandla, ekutulweni kwomzimba wezono zenyama, ekwalukeni kuka‐Kristu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
enathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nakuba nimanyene naye naluswe ngolwaluko olungelulo olwabantu nje, kodwa olulolukaKrestu: lona kukukhululwa komntu kwigunya lesimo esidala.