Colossians 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
apo kungeko kona um‐Girike nom‐Juda, ukwaluka nokungaluki, um‐Babare n om‐Sitiya, ikoboka n okululekileyo; koko u‐Kristu ezinto zonke, nakubo bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke akusekho mahluko phakathi komGrike nomJuda, owalukileyo nongalukanga, abangaphucukanga nabaphantsi, ikhoboka nokhululekileyo; kuba uKrestu uyinto yonke, ekubo bonke.