Daniel 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza inkosi yabatenwa yati ku‐Danyeli: Ndiyoyika inkosi yam ukumkani, okwabileyo ukutya kwenu nokusela kwenu; ngokuba kuyinina ukuba abubone ubuso benu busiti kunubembe ngapezu kwamadodana angawentanga yenu? niya kwandula niyenze intloko yam imelwe lityala pambi kwokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabaya baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umthetheli wenkundla wathi kuDaniyeli, Ndiyamoyika ukumkani, inkosi yam, omise eniya kukudla, nento eniya kuyisela; Uze uyifake intloko yam kukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
yona yathi kuye: “Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani othe ngokwakhe wayalela ngento emaniyitye nemaniyisele. Ngoko ke, xa enokunifumana imbonakalo yenu ingekho kumgangatho omnye nabafana abaziintanga zenu, mna angandibulala.”