Daniel 1:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwandule ukukangelwa pambi kwako ukubonakala kwetu, nokubonakala kwamadodana adlayo ukutya okumnandi kwokumkani: uze wenze kwizicaka zako njengokubona kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko ubone ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubuso bethu mabube bubuso bakho, nobuso babantwana abadla ukudla kokumkani, wenze kubakhonzi bakho ngokuthanda kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
emva kwazo ke uthelekise imbonakalo yethu neyoogxa bethu abatya kwimbiza kakumkani, ubone ke ukuba thina bakhonzi bakho masithiweni.”