Daniel 1:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wateta nawo; kwaye kube kungafunyanwa pakati kwawo onke nanye ebinjengo‐Danyeli, n o‐Hananiya, n o‐Mishayeli, no‐Hazariya; ngako bema ebusweni bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela akufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha ukumkani kubo; kubo bonke kwafunyanwa abanjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya; besakuma phambi kokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukumkani wathi akuthetha nabo wafumana ukuba akukho namnye okumgangatho omnye noDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya. Ngoko ke bona bangeniswa emsebenzini wakomkhulu.