Daniel 1:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nendawo zonke zobulumko n engqondo, owababuza ngazo ukumkani, wabafumana belumkile ngamanani alishumi pezu kwazo zonke incibi n abanyangi abasebukumkanini bake bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuyo yonke imibandela yobulumko nengqiqo awababuza yona ukumkani, wafumanisa ukuba babebadlula ngokuphindwe kalishumi bonke abenzi bomlingo nabavumisi ngeenkwenkwezi ababesebukumkanini bakhe buphela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwimicimbi ephathelele kwezobulumko nengqiqo aba bafana bane baqaqamba kukumkani, kuba babemanelisa kuwo nawuphi na umbuzo, bebadlula kalishumi bonke abenzi bemilingo noosiyazi ababekhona kwelo zwe.