Daniel 1:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ukumkani wawabela into yemihla ngemihla kuko ukutya okumnandi kwokumkani, nakuyo iveyine yokusela kwake, ukuba ondliwe iminyaka mitatu, ati ekupeleni kwayo eme ebusweni bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wabamisela umamkeliso wemini ngangemini yawo, ekudleni kokumkani nasewayinini ayiselayo, ukuze bondliwe iminyaka emithathu; bathi ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani ubebanika into yemini ngangemini yayo, ekudleni kokumkani nasewayinini yakhe; wabondla iminyaka emithathu, ukuze ekupheleni beme phambi kokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ukumkani wayalela ukuba yonke imihla mabaphakelwe kwimbiza kakumkani, ngokunjalo basele nakwiwayini yakhe. Olu qeqesho ke lwaluza kuthatha iminyaka emithathu, emva koko bagosiswe komkhulu.