Daniel 1:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Danyeli wabeka entliziyweni yake ukuba angazinco̔lisi ngokutya okumnandi kwokumkani, nangeveyine yokusela kwake; ngako wacela enkosini yabatenwa ukuba angazinco̔lisi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angazingcolisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDaniyeli wagqiba entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; ngoko ke wambongoza umantyi ukuba angamngcolisi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yena uDaniyeli wenza isigqibo sokuba angazixabheli ngokutya nangeziselo zalapho ebhotwe. Ngoko ke wacela kwintloko yamaphakathi akomkhulu ukuba avunyelwe ukungazixabheli ngoku kutya.