Daniel 10:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOMNYAKA wesitatu ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, kwatyilwa into ku‐Danyeli, ogama lalibizwa ngo‐Beleteshatsare: lento ibiyinene, kodwa ukulwa bebukukulu: wayiqonda lento, wanokuqonda ngomboniso kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesithathu kaKoreshi ukumkani wamaPersi, watyhilelwa ilizwi uDaniyeli, ogama libizwa ngokuba nguBheletshatsare. Elo zwi liyinyaniso, lisingisele eluzengezengeni ke olukhulu; waliqonda elo lizwi, waba nokuwuqonda umbono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesithathu kaKoreshi ukumkani wasePersi, wabonakalaliswa uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare; loo mbandela wawuyinyaniso, kodwa ixesha elimisiweyo lalide; wakuqonda oko, wawuqonda umbono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kunyaka wesithathu uSirasi engukumkani wasePeshiya uDaniyeli okwabizwa ngokuba nguBhelteshazare watyhilelwa udaba oluthile. Olo daba luyinyani, kodwa kunzima ukululandela. Kambe ke waluchazelwa ngombono.

Recommended Reading