Daniel 10:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kum: Danyeli, ndoda etandiweyo! gqala amazwi endiwatetayo kuwe, ume pezu kwendawo yokuma yako; ngokuba nditunyiwe kaloku nje ukuza kuwe. Ndati akuba etetile elolizwi kum, ndema ndingcangcazela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kum, Daniyeli, ndoda inqwenelekayo, waqonde amazwi endiwathetha kuwe, ume endaweni yokuma kwakho; kuba ndithunyiwe ngokunje kuwe. Ithe yakulithetha kum elo lizwi, ndesuka ndema ndithuthumela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi kum, Daniyeli, ndodandini, waqonde amazwi endiwathetha kuwe, ume nkqo, ngokuba ndithunywe kuwe ngoku. Uthe akutsho ndaphakama ndingcangcazela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo ndoda ke yathi kum: “Daniyeli, ungumfo oxabiseke kunene. Kambe ke phakama, ume kuloo ndawo ukuyo, uwagqale la mazwi ndiza kukuxelela wona, kuba ndithunywe kuwe.” Yakutsho ke ndaphakama, kodwa ndisangcangcazela.