Daniel 10:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kum: Zungoyiki, Danyeli! ngokuba kowokuqala umhla ubuyibeka intliziyo yako ukuqonda, nokuzibandezela pambi kwotixo wako, ebeviwa amazwi ako; ndize nam ngenxa yamazwi ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi kum, Musa ukoyika, Daniyeli, kubakususela kumhla wokuqala, owayinikelayo intliziyo yakho ekuqondeni nasekuzithobeni phambi koThixo wakho, aviwa amazwi akho, mna ke ndize ngenxa yamazwi akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi kum, Musa ukoyika, Daniyeli, ngenxa yokuba kususela kumhla wokuqala wanikela intliziyo yakho ekuqondeni nasekuqeqesheni phambi koThixo wakho, waweva amazwi akho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaqhuba ke yathi: “Sukoyika, Daniyeli. Kaloku uThixo wawuva kwamhla-mnene umthandazo wakho ngalaa mhla waqala ukuzithoba, ufuna ingcaciso. Ndilapha nje kungenxa yaloo mazwi akho.