Daniel 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa inkosi yobukumkani be‐Peresiya yandimela intsuku zamashumi mabini ananye: koko, bona ke, u‐Mikaheli, enye yenkosi zokuqala, weza kundinceda; ndaza ndasala kona ndawonye nabo okumkani be‐Peresiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wamelana nam imihla engamashumi amabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; mna ndamoyisa khona, kookumkani bamaPersi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke umthetheli wobukumkani bamaPersi wandimelana nam imihla emashumi mabini anamnye; uyabona, uMikayeli, omnye wakubathetheli abaziintloko, weza kundinceda; yaye ndandilapho nookumkani basePersi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke isithunywa sombuso wasePeshiya sachasana nam iintsuku ezimashumi mabini ananye. Ndide ndancedwa yingqwayi-ngqwayi yezithunywa zikaThixo uMikayeli, weza kundikhulula apho ndandithintelwe khona ePeshiya.