Daniel 10:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku bona ke, ofana nonyana boluntu wacu̔kumisa umlomo wam; ndandul’ ukuvula umlomo wam, ndateta, ndati kulowo owema ngapambi kwam: Nkosi! ngawo umboniso intsizi zam ziguqulwe pezu kwam, ndingasabambanga amandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanko ofana noonyana babantu, echukumisa umlomo wam.Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kulo umi phambi kwam, Nkosi yam, ngenxa yembonakalo indifikele inimba yam, ndaphelelwa ngamandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nanko onjengoonyana babantu, echukumisa umlomo wam; Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kobemi phambi kwam, Camagu, nkosi yam, emehlweni am inimba yam yandongamela, ndaphelelwa ngamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku umfo omfano ingathi yeyomntu wolula isandla, wachukumisa imilebe yam, ndaza ndawuvula umlomo wam ndathi kuye emi phambi kwam: “Mnumzana, lo mbono unditsho ndonganyelwa kukoyika; ndiphelelwe ngamandla.