Daniel 10:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Zungoyiki, ndoda etandiweyo! uxolo malube kuwe, yomelela, ewe, yomelela. Nakeshekweni abeteta nam, ndomelezwa, ndati: Maitete inkosi yam; ngokuba undomelezile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo;yomelela, yomelela. Uthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba undomelezile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Musa ukoyika, sithandwa sam; Uxolo malube nani, yomelelani, ewe, yomelelani. Wathi ekuthetheni kwakhe nam, ndazomeleza, ndathi, Makathethe ukumkani wam; ngokuba undomelezile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba wathi: “Mfondini, uxabisekile! Musa ukoyika; yomelela; ewe, yomelela ube noxolo.” Akuba etshilo ke, ndatsho ndomelela; ndaza ke ndathi kuye: “Undomelezile; thetha, nkosi yam, ndiphulaphule.”