Daniel 10:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Isonka esimnandi bendingasidli, akwangena emlonyeni wam nenyama neveyine, bendingake ndazitambisa kanjako, kwada kwazaliseka ezoveki zemihla zontatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andidlanga sonka sinencasa, akungenanga nyama nawayini emlonyeni wam, andizithambisanga, zada zazaliseka iintsuku zonke zeeveki ezintathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andisidlanga sonka sinencasa, kungekho nyama nawayini emlonyeni wam, andizithambisanga, zada zazaliseka iiveki ezintathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndandingatyi kutya kodidi, nditsho nenyama nawayini zange ndizifake emlonyeni wam, yaye zange ndithambise nokuthambisa kwada kwadlula ezo veki zintathu.