Daniel 10:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lomboniso ndawubona mna Danyeli ndedwa; ngokuba amadoda abeko nam engabonanga umboniso lowo; koko ebewelwe kukunkwantya okukulu, aza abaleka ukuba azimele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna, Daniyeli, ndawubona ndedwa umbono lowo; amadoda abenam akawubonanga umbono; kodwa awelwa kukugubha okukhulu, abaleka azimela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna, Daniyeli, ndawubona ndedwa umbono lowo, ngenxa yokuba amadoda abenam engawubonanga umbono; kwabakho iindudumo ezinkulu phezu kwabo, basaba baya kuzimela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mbono ke wabonwa ndim ndodwa mna Daniyeli. Amadoda endandikunye nawo wona zange awubone, koko asuka arhwaqela, aphakuzela, aya kuzimela.

Recommended Reading