Daniel 10:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndashiywa ndedwa, ndawubona lomboniso umkulu, kodwa akwasala amandla kum; kwandiguqulelwa ukwomelela kwam kwaba kukwonakala, ndingasabambanga amandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ndasala ndedwa, ndayibona le mbonakalo inkulu, ndaphelelwa ngamandla, nebala lobuso bam lasuka lajika, lonakala kum, ndaphelelwa ngamandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna ndasala ndedwa, ndawubona umbono lowo mkhulu, ndaphelelwa ngamandla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna ndasala ndodwa ndiwubukele loo mbonokazi. Ndasuka ndavikiveka, nobuso bam bambatsha, ndaphelelwa tu ngamandla.