Daniel 11:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa sisusiwe esosihlwele, iya kupakama intliziyo yake; waeya kuwisa amawakawaka; kodwa akayi kwomelezwa noko:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawaka-waka angamashumi; ke angeyisi noko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wasisusa isihlwele, iya kuphakama intliziyo yakhe; kwaye uya kuwisa amashumi amawaka, kodwa ke ngoko akayi kuzinika amandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wasezantsi uya kutsho azingce ke ngolo loyiso, kuba ebulele amawaka-waka amajoni; kambe ke akayi kuhlala esoyisa.