Daniel 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako uya kubeka ubuso bake ukuza namandla obukumkani bake bonke, nabalungileyo kunye naye, enze nokwenza; waeya kumnika intombi yabafazi, efuna ukuyonakalisa; kodwa ayi kuba nokuma, ayi kuba ngecala lake kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wojika, angene enamandla obukumkani bakhe bonke, namalungisa kunye naye; uya kwenjenjalo, amnike intombi yabafazi, amtshabalalise; kodwa akayi kuma ecaleni kwakhe, yaye akayi kuba naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke uya kuzimisela ukuphuma nomkhosi wakhe uphelele. Ukulwaphul' iimpondo utshaba lwakhe uya kwenza imvumelwano nokumkani wasezantsi, aze azalamanise naye ngentombi ekhethiweyo. Kambe nelo icebo aliyi kuphumelela; liya kufadalala.