Daniel 11:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakaloku ndoyishumayela kuwe inyaniso. Bona ke, kusaza kusuka okumkani abatatu e‐Peresiya: kanjalo owesine wotyeba ngobutyebi obukulu pezu kwabo bonke; nasekwomeleleni kwake ngobutyebi bake uya kuvusa bonke ngakubo ubukumkani base‐Javane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ke ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kusaza kusuka kume ookumkani abathathu kumaPersi, nowesine uya kutyeba ngobutyebi obukhulu kunabo bonke; athi, xa omeleleyo ngobutyebi bakhe, abaxhokonxe bonke, baye kulwa nobukumkani bakwaYavan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ngoku, ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kuya kuvuka ookumkani abathathu ePersi; unina uya kuba sisityebi ngaphezu kwabo bonke, yaye ngamandla akhe nobutyebi bakhe uya kubaphakamisa bonke nxamnye nobukhosi bamaGrike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Olu daba ndikwazisa lona luyinyaniso. Uyabona, ePeshiya kuseza abanye ookumkani abathathu. Ke yena owesine uya kubabetha bonke abanye aba ngobutyebi. Xa athe womelela ngobo butyebi bakhe uya kubaxhokonxa abanye, ukuze kuvukelwane nombuso wamaGrike.