Daniel 11:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuya kwandula kusuke esikundleni sake odlulisayo umbizi weminikelo ebungcwaliseni bobukumkani; kodwa pakati kwentsuku ezitile uya kwapuka, kungengemisindo, kungengemfazwe kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe, kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kubakho ukwanda kwerhafu kobutyebi bakhe ebuqaqawulini bobukumkani; kodwa ngeentsuku ezimbalwa uya kutshatyalaliswa, kungengamsindo okanye yimfazwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukumkani omlandelayo uya kukhupha oonothimba ngenjongo yokulondoloza ubuhandiba basebhotwe. Ngexeshana elingephi naye uya kubulawa, phofu kungengangxabano nadabi.”