Daniel 11:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Woda asuke esikundleni sake odelekileyo, ekungayi kunikwa kuye ubungangamsha bobukumkani; kodwa uya kuza eluxolweni, nobukumkani uya kububamba ngezibongo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Endaweni yakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kunikwa ndili yabukumkani; eze ngokwalama, abuhlasele ubukumkani ngokunyhwalaza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Elifeni lakhe kuya kusuka kume odelekileyo, ongayi kumnika uzuko lwabukumkani; Ke yena uya kungena enoxolo, abuthabathe ubukumkani ngokucenga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Endaweni yakhe ke kuya kungena umfo odelekileyo ongenaso isidima sobukhosi. Uya kungena kungekho mntu ulindeleyo, ubukhosi abuthathe ngobuqhophololo.