Daniel 11:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okumkani aba bobabini intliziyo zabo zofuna ukwenza ububi, nasesitebeni sinye baya kuteta ulwimi; kodwa akuyi kuba nokuhambiseka, ngokuba kusaza kubako ukupela ngexesha elimiselweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ookumkani abo babini, iintliziyo zabo ziya kutsalela ekwenzeni ububi, bathethe amanga sithebeni sinye. Akuyi kuba nampumelelo, kuba isiphelo sisaya exesheni elimisiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye iintliziyo zabo kumkani babini ziya kuthanda ukwenza okubi, yaye baya kuthetha ubuxoki esithebeni sinye; kodwa ayiyi kuphumelela, kuba kwanangoko isiphelo siya kuba sexesha elimisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo kumkani babini bohlala phantsi batye kunye, babhunge, iintliziyo zabo zityekele ebubini, bekhohlisana. Kambe ke yonke loo migudu yabo ayiyi kunceda nto, kuba selimiselwe imini yesiphelo sabo.