Daniel 11:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngexesha elimiselweyo uya kubuya, eze ngasesuyide; koko kungayi kuba njengokwapambili, nanjengokwasemva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngexesha elimisiweyo uya kubuya aye ngasezantsi;ekupheleni kungabi njengoko bekunjalo ekuqaleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngexesha elimisiweyo uya kubuya eze ngasezantsi; kodwa ayiyi kufana neyokuqala neyokugqibela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke kaloku ngexesha elimisiweyo uya kuphinda ahlasele elasezantsi, koko ke zingalekelani izisulu.