Daniel 11:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ziya kuza ngakuye inqanawa zama‐Kiti; woba nobuhlungu ngoko, abuye ke, aluqumbele ucebano olungcwele, enze nokwenza: ewe, uya kubuya, agqalele abalushiyayo ucebano olungcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKiti; uya kukhohlwa, abuye, awubhavumele umnqophiso ongcwele, afeze, abuye, abaqonde abashiya umnqophiso ongcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKitim; ke ngoko, uya kuba buhlungu aze abuye kwaye abenomsindo ngalo mnqophiso; uya kwenjenjalo; uya kubuya abe nokuqonda kwabatyekayo emnqophisweni ongcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku kuya kuvela iinqanawe kwelasentshonalanga, zimxine, ade arhoxe. Ekubuyeni kwakhe ke uya kuba sisifu, abahlasele abantu abanqophisene noThixo. Uya kusuka aqhogane nâbo bakreqileyo kulo mnqophiso.