Daniel 11:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo abo banokuqonda pakati kwabantu bobafundisa abaninzi: noko baya kuwa ngesiṙele nangelangatye, ngokutinjwa nangokupangwa, kube ntsuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izilumko phakathi kweentlanga ziya kufundisa abaninzi, kodwa ziya kukhubeka imihla emininzi likrele, nelangatye, kukuthinjwa nokuphangwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke zona iinkokheli zabantu ezinobulumko ziya kululeka abantu abaninzi. Kambe ke okwethutyana zoba sisisulu sekrele, umlilo, ukuthinjwa, nokuphangwa.