Daniel 11:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasekuweni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane; baye abaninzi beya kunamatela kubo ngezibongo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane, bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathe bawa, bothatyathwa ngoncedo oluncinane, basuke abaninzi babalandele ngokuqhatha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha laloo nkxwaleko zozuza uncedo olungephi, nangona uninzi luya kuzibandakanya nazo luhanahanisa.