Daniel 11:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakubo abanokuqonda baya kuwa inxenye, ukubalinga, nokubahlambulula, nokubenza mhlope, kude kube lixesha lesipelo: ngokuba kusekokwexesha elimiselweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yoza ke inxenye yabanengqiqo, ukubacikide, ibahlambulule, bayenze mhlophe, kude kube lixesha lokuphela, kuba kusaya ngokwexesha elimisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezinye zezo zilumko ke ziya kukhubeka, kodwa ke loo nto iya kuba luvavanyo, khon' ukuze zihlambuluke, zingabi nasici, kude kube sisiphelo esiya kufika ngexesha elimisiweyo.