Daniel 11:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo uya kwenza ngentando yake ukumkani lowo; waeya kuzipakamisa, azenze mkulu ngapezu kwotixo bonke, atete izinto ezimangalisayo ngakuye utixo wotixo, ahambiseke kude kugqitywe ingqumbo: ngokuba kuya kwenziwa okumisiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse, azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ukumkani uya kwenza ngokokuthanda kwakhe; uya kuziphakamisa, azinyuse ngaphezu koothixo bonke, athethe imisebenzi ebalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, ude uphele umsindo; ngokuba oko kumisiweyo kuya kwenzeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukumkani lowo ke uya kwenza ukuthanda kwakhe. Uya kuzigwagwisa azenze mkhulu kunabo bonke oothixo, ade alophoze intlamba elumezayo ngoThixo woothixo. Uya kuqhuba njalo ke enempumelelo, lide lifezeke ixesha lengqumbo, kwenzeke konke okumisiweyo.