Daniel 11:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akayi kugqalela otixo boyise bake, nonqwenelo lwabafazi; akayi kugqalela kwa namnye utixo, kodwa wozenza mkulu pezu kwonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akayi kumnyamekela uTHIXO wookhokho bakhe, okanye athabathe inkanuko yabafazi okanye nawuphi na uthixo; ngokuba uya kuzenza mkhulu kunabo bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Soze akhathalele noothixo booyise, ngokunjalo nalowo ulangazelelwa ngabafazi. Ewe, akayi kukhathalela namnye uthixo, kuba uya kuzenza mkhulu kunabo.