Daniel 11:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangexesha lesipelo ukumkani wasesuyide wosunduza ngakuye; waye ukumkani wasenode eya kugaleleka pezu kwake njengoqwitela, enenqwelo zokulwa, nabakweli bamahashe, nenqanawa ezininzi; waeya kungena emazweni, akukulise, adlule nokudlula,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngexesha lokuphela uya kuhlabana nokumkani wasezantsi;ukumkani wasentla adlongozele aye kuye, eneenqwelo zokulwa, nabamahashe, neenqanawa ezininzi; awangenele amazwe, akhukule, adlule.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, ukumkani wasezantsi uya kuqubisana naye, ukumkani wasentla ahlangabeze kuye njengesaqhwithi, eneenqwelo zokulwa, nabamahashe, neenqanawa ezininzi; kwaye uya kungena emazweni, atshayele, adlule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa lisondelayo ixesha lesiphelo, ukumkani wasezantsi uya kuqubisana naye edabini, kodwa ke lo wasentla uya kuhla indulumbane kuye ngomkhosi weenqwelo, owamahashe, noweenqanawa. Uya kuzingenela azihlasele izizwe ezininzi, ukufika komkhosi wakhe kube ngathi kukugaleleka kwesikhukula.