Daniel 11:44 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa indaba zivela empumalanga nasenode ziya kumtusa; woti ngako apume ngomsindo omkulu ukubatshabalalisa nokubalahlela embujisweni abaninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ziya kumkhwankqisa iindaba ezivela empumalanga nasentla, aphume enobushushu obukhulu, ukuze abatshabalalise, abasingele phantsi abaninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziya kumkhwankqisa iindaba ezivela empumalanga nasentla; ke ngoko uya kubheka phambili ngomsindo omkhulu ukuba atshabalalise abaninzi kwaye ababethe ngesiqalekiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uya kothuswa ngamarhe avela empuma nakwelasentla, aze ke anduluke ngequbuliso efuthekile, ahambe esenza iziqwenga, abulale inkitha yabantu, etshabalalisa nje.