Daniel 11:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasekupeleni kweminyaka etile botelelana; ngokuba intombi yokumkani wasesuyide iya kuza kukumkani wasenode ukwenza uxolo: kodwa ayiyi kuba esabamba amandla engalo; naye akayi kuma, neyake ingalo: koko iya kunikelwa, nabo bayizisayo, nowayizalayo, nowayomelezayo ngalomaxesha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bodibana ekupheleni kweminyaka; ithi intombi yokumkani wasezantsi ingene kukumkani wasentla, ukuba balungisane. Ke iya kuwa ingalo yayo; angemi yena, nengalo yakhe iwe; inikelwe yona, nababeyingenisile, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye bohlanganisana ekupheleni kweminyaka; ngokuba intombi yokumkani wasezantsi iya kuza kukumkani wasentla, ukuba bahlanganiselane; kodwa amandla ezisweli akayi kulisindisa; yaye akayi kuma, nkqu nesandla sakhe, kodwa uya kunikwa, nabo bamzisayo, nabamzalayo, nalowo wamomelezayo kweli phakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekuhambeni kweminyaka ke ukumkani wasezantsi uya kwenza imvumelwano nokumkani wasentla, amendisele nentombi yakhe ukuwuqinisa loo mnqophiso. Kambe oko kwalamana kwabo akuyi kuhambela ndawo, koko intombi leyo iya kuphelelwa yimpembelelo yayo, noyise angabi sakhathalelwa. Yena neempelesi zakhe, kunye nowakwakhe noyise, baya kunikezelwa ngelo xesha.