Daniel 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa esebeni lengcambo zayo kwosuka omnye esikundleni sake, oya kuza nempi, angene enqatyeni yokumkani wasenode, enze ngakubo, eyise nokweyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kophuma ke ehlumelweni leengcambu zayo omnye osendaweni yakhe; aye empini, aye ezinqabeni zokumkani wasentla, azenze ngendawo, eyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ihlumelo leengcambu zakhe liya kuvela elizweni lakhe, yaye ngokuqinisekileyo uya kuza enempi, angene enqabeni yokumkani wasentla, alwe nabo, aze abuye abuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Emva koko ke ubukhosi buya kuthathwa sisizalwana sakowayo loo ntombi. Loo kumkani ke uya kuhlasela ukumkani wasentla, atsho phakathi enqabeni yakhe, ambethe amoyise.