Daniel 11:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako otixo babo, kunye nenkosi zabo, nezinto zabo ezinqwenelekileyo ezesilivere nezegolide, wozitimba azise e‐Jipete; waeya kuma yena iminyaka engapezu kweyokumkani wasenode.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wothimba, azise eYiputa noothixo babo, kunye nemifanekiso yabo etyhidiweyo, kunye neempahla zabo ezinqwenelekayo, isilivere negolide; amise yena iminyaka phambi kokumkani wasentla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wozisa oothixo bazo, nezikhulu zabo, neempahla zabo ezinqwenelekayo zesilivere, nezegolide, azise eYiputa; yaye uya kuhlala ixesha elide kunokumkani wasentla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uya kuthimba izithixo zabo, nemifanekiso yabo etyhidiweyo, nazo zonke izinto ezixabisekileyo ezenziwe ngesiliva nezegolide, zibe ngamaxhoba, agoduke nazo aye eJiputa. Yoba yiminyaka ethile ke esamphumlele ukumkani wasentla.