Daniel 12:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nangexesha elo kwosuka u‐Mikaheli, lonkosi inkulu esukayo ngenxa yosapo lwabantu bako: kwobako ixesha lobunzima, ebelingezanga libeko elinjalo kuseloko kube kuko isizwe kwada kwalixesha elo: nangeloxesha baya kusindiswa abantu bako, bonke abaya kufunyanwa beba̔liwe encwadini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omele oonyana babantu bakowenu; kuya kubakho ixesha lonxunguphalo ekungazanga kubekho linjalo kususela koko kwabakho uhlanga, kude kube lelo xesha; kwaye ngelo xesha, abantu bakho baya kusindiswa, bonke abo babhaliweyo encwadini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Ngelo thuba ke ingqwayi-ngqwayi yezithunywa uMikayeli, lo ungumalusi wamawenu, uya kuvela. Ke kaloku kuya kuthwasa ithuba leenkxwaleko, kunyembeleke ngendlela engazange yabakho ezimbalini zobukho bezizwe. Ngelo xesha ke abantu besizwe sakowenu – abo bamagama abhaliweyo encwadini – baya kusindiswa.