Daniel 12:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abaninzi baya kuhlanjululwa, benzwe mhlope, balingwe nokulingwa; kodwa abakohlakeleyo baya kwenza ngokukohlakeleyo: baye bengayi kuqonda bonke abakohlakeleyo; kodwa abalumkileyo baya kuqonda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abaninzi baya kuzenza nyulu, bazenze mhlophe, banyibilikiswe; ke abangendawo baya kwenza okungendawo.Abangendawo bonke abayi kukuqonda oko, kodwa abanengqiqo baya kukuqonda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abaninzi baya kuhlanjululwa, benziwe mhlophe, bahlanjululwe; ke abangendawo baya kwenza okungendawo; bonke abangendawo abayi kukuqonda; ke zona izilumko ziya kuqonda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.