Daniel 12:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndeva londoda eyambete izivato zeqiya, ebipezu kwamanzi omlambo, ukuba yapakamisa esokunene isandla sake nesokohlo sake ngasezulwini, yamfunga lowo okuhlala kungunapakade ukuti: Kwoba kokwalo ixesha, amaxesha, nesiqingata sexesha; naxeshekweni agqibileyo ukucita amandla abantu abangcwele, ziya kwandula ukugqitywa ezi zinto zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndeva indoda eyambethe ilinen emhlophe, ebiphezu kwamanzi omlambo, yasiphakamisela ezulwini isandla sayo sokunene nesokhohlo sayo, yafunga ohleli ngonaphakade, isithi, Kuya kusa exesheni, emaxesheni amabini amisiweyo, nasesiqingatheni sexesha; kwakupheliswa ukuhlekezwa kwamandla abantu abangcwele, ziya kupheliswa zonke ezo zinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndeva ukuba indoda leyo ebeyinxibile leyo, ebiphezu kwamanzi omlambo, yasiphakamisela ezulwini isandla sayo sokunene nesasekhohlo, yafunga odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, ukuba kuya kubakho ixesha elimisiweyo namaxesha nesiqingatha; yaye xa athe wawagqiba amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kugqitywa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke isithunywa eso sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, saphakamisela ezulwini esokunene nesasekhohlo isandla, ndasiva sifunga uThixo uSonini-nanini, sisithi: “Iya kuba lithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. Ekufezekeni kwexesha, xa sele bophulwe amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kuba sezifezekisiwe.”