Daniel 2:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGOWESIBINI umnyaka wobukumkani buka‐Nebukanetsare, wapupa u‐Nebukanetsare amapupa, waza waxa̔liswa umoya wake, bemka kuye nobutongo bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesibini uNebhukadenetsare engukumkani, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha, wakhathazeka umoya wakhe, waphelelwa bubuthongo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesibini wobukumkani bukaNebhukadenetsare, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha; waphazamiseka umoya wakhe, walala ubuthongo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kunyaka wakhe wesibini elawula ukumkani uNebhukadenezare waba namaphupha awamtsho wakhathazeka, waphuthelwa, akabi nakulala.