Daniel 2:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bapendula aba‐Kaledine pambi kwokumkani, bati: Akuko mntu pezu kwomhlaba ongayixelayo indawo yokumkani: ngoko akuko ukumkani, n enkosi, nompati, oke wabuza into enjalo kwenye incibi, nomnyangi, nom‐Kaledine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu phezu kwehlabathi unokuyixela le nto kakumkani; ngenxa yokuba akukho kumkani mkhulu, unegunya, wakha wabuza into enjalo kuzo zonke izazi, nabakhwitsi, namaKaledi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu ehlabathini lonke uyixelayo indaba kakumkani;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iingcali zeenkwenkwezi ke zamphendula ukumkani zathi: “Kulo lonke elimiweyo, mhlekazi, akukho mntu unako ukuyenza le nto ayifunayo ukumkani. Kananjalo, mhlekazi, akukho kumkani, nokuba seleyingangalala engatshonelwa langa, wakha wathi abenzi bemilingo, oosiyazi, okanye iingcali zakhe zeenkwenkwezi, mabenze into enje.