Daniel 2:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba bacele izibele kutixo wezulu ngalemfihlakalo, ukuze kungabubi u‐Danyeli namakolwane ake kunye namanye amalumko ase‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangatshatyalaliswa uDaniyeli nama kholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze bacele inceba kuThixo wamazulu, ngayo le mfihlelo; ukuze bangatshatyalaliswa uDaniyeli namakholwane akhe, ndawonye nezilumko zaseBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza wabanxusa ukuba bathandaze kuThixo osezulwini abenzele inceba malunga nale mfihlakalo, ukuze yena nabalingane bakhe bangabulawa kunye nezilumko zaseBhabheli.