Daniel 2:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yena uyaguqula amaxesha nemizuzu; uyasusa okumkani, uyamisa okumkani kanjalo; uyanika ubulumko kwabalumkileyo, nokwazi kwabaziyo ukuqonda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yena uyawaguqula ke amaxesha namaxesha; uguzula ookumkani, amise ookumkani; Unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguye umguquli wamaxesha neemeko; nguye obakhiqayo ookumkani, kanti ikwanguye obamisayo. Ngumvathisi wezilumko ngobulumko, azithi jize ngolwazi iingqondi.