Daniel 2:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ngoko u‐Danyeli wangena ku‐Ariyoki, lowo abemmisele ukumkani ukuba abubise amalumko ase‐Babilone: waya watsho kuye ngokuti: Ungabubisi amalumko ase‐Babilone; ndingenise pambi kwokumkani, ndandiya kuxela ukutyilwa kukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko uDaniyeli wangena waya kuAriyoki, lowo ubemiswe ngukumkani ukuba atshabalalise izilumko zaseBhabheli. Waya ke, wathi kuye, Musa ukuzitshabalalisa izilumko zaseBhabheli; ndise kukumkani; ndomxelela ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDaniyeli waya kuAriyogi, lowo wayeyalelwe ngukumkani ukuba atshatyalaliswe izilumko zaseBhabheli waya wathi kuye, Musa ukuzitshabalalisa izilumko zaseBhabheli; Ndizise kukumkani, ukuze ndimxelele ukumkani ingcaciso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uDaniyeli waya kuAriyoki, umfo owayegunyaziswe ngukumkani ukuba abulale zonke izilumko zaseBhabheli. Kuye ke wafika wathi: “Ungabi sazibulala izilumko zaseBhabheli, koko ndithathe undise kukumkani, ukuze ndimlawulele iphupha lakhe.”