Daniel 2:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Ariyoki wangenisa u‐Danyeli pambi kwokumkani ngobunxamo, watsho kuye ngokuti: Kendifumene indoda elusatsheni lwasekutinjweni kwo‐Juda, eya kumazisa ukumkani ukutyilwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uAriyoki wamzisa uDaniyeli ngobungxamo kukumkani, wathi kuye, Ndifumene indoda koonyana baseluthinjweni lwakwaYuda, eya kumazisa ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAriyogi wangxama wamsa uDaniyeli kukumkani, wathi kuye, Ndifumene indoda yamabanjwa akwaYuda, ize kubikela ukumkani le ngcaciso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko ke uAriyoki waya noDaniyeli kukumkani, wafika wathi: “Kubathinjwa bamaJuda ndifumene umntu onako ukukulawulela iphupha lakho, mhlekazi.”