Daniel 2:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wena, kumkani! izicamango zako upezu kwomandlalo wako zenyuka, zicamanga oko okuya kubako emveni kwoku; nalowo ozityilayo imfihlakalo ukwazisile oko okuya kubako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokuya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe, esesililini sakho, ukuba kuya kubakho ntoni na emveni koko; noMtyhili weemfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kaloku uthe usalele, mhlekazi, suka iingcamango zakho zaya kutsho kumaxesha azayo; ke uThixo ongumtyhili weemfihlakalo ukubonise izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.