Daniel 2:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna ke, imfihlakalo le andityilelwe yona ngobulumko endinabo ngapezu kwabo bonke abahleliyo; koko kungenxa yokuba ukutyilwa kwaziswe kukumkani, nokuba uzazi izicamango zentliziyo yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, akungenxa yabulumko ndingaba ndinabo ngaphezu kwabo bonke abaphilileyo; kungenxa yokuze aziswe ukumkani ukutyhilwa kwalo, uzazi izicamango zentliziyo yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, akungenxa yobulumko endinabo ngaphezu kwabaphilileyo bonke; kungenxa yokuba ndiya kumazisa ukumkani le mfihlakalo, ukuze uzazi izicamango zentliziyo eyakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna le mfihlakalo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abantu, koko ndiyiboniswe khon' ukuze wena kumkani uyazi intsingiselo yephupha lakho, kananjalo uziqonde iingcamango ezifike engqondweni yakho.