Daniel 2:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabukangela kwada kwasikelwa ilitye kungeko izandla, elabeta umfanekiso lowo pezu kwenyawo zawo zesincete nodongwe, laziti viti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawubona, kwada kwazithwebula ilitye, kungengazandla;labetha emfanekisweni, ezinyaweni zawo zesinyithi nodongwe, lazicola.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona, lada latyumka ilitye, kungengazandla zabantu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe usabukele njalo, mhlekazi, suka kwaqhephuka ilitye, lingachukunyiswanga sandla samntu. Liqengqeleke laya kuthi folokohlo kwezo nyawo zenziwe ngentsimbi nodongwe, lazintlekeza zaziingceba.